TERM |
PLAIN ENGLISH |
DEFINITION |
TRANSLATION |
TRANSLATION |
Anaphylaxis / Anaphylactic shock |
Allergic reaction |
A very extreme allergic reaction that can cause a shock to the body, and symptoms
can include skin rash, nausea, vomiting, difficulty breathing and shock. |
Ukungadibani komzimba nento umntu ayityileyo/seleyo |
Ukungadibani komzimba nento umntu ayityileyo okanye ayiseleyo okothusa umzimba.
Iimpawu ziquka ukugabha, isiyezi, irhashalala, nokuphefumla nzima. |
Adverse events |
Adverse events |
Any health problem that happens after a shot or other vaccine. An adverse event
might be truly caused by a vaccine, or it might be pure coincidence. |
Iziganeko ezimbi ezilandela ukugonywa |
Ingxaki yempilo eyenzeka emveni kokugonywa. Kungenzeka ukuba yenziwa sisitofu okanye
yenye into engaziwayo. |
Antibodies |
Antibodies |
Antibodies are proteins that our bodies make to fight a specific illness that
attacks our bodies. They are specialised soldiers that the body uses to fight every
illness differently. When a new virus like COVID-19 comes attacks us it take the
body a few days to create the soldier antibodies that can attack it. |
Izalwa buhlungu nezifo emzimbeni |
Izilwa buhlungu emzimbeni ziproteni ezenziwa yimizimba yethu ukulwa izigulo ezithile
ezisihlaselayo. Ngamajoni akhethekileyo asetyenziswa ngumzimba ukulwa sifo ngasinye,
ngendlela eyohlukileyo. Xa intsholongwane entsha efana neCovid-19 ihlasela, umzimba
uthatha iintsuku ezimbalwa ukubumba lamajoni okulwa. |
Asymptomatic infection |
Asymptomatic |
An infection without symptoms; no signs of illness. |
Isigulo esingenazimpawu |
Usulelo olungenazi mpawu nembonakalo yokugula/yesigulo. |
Bacteria |
Bacteria |
Bacteria, also called germs to small to see with the naked eye. Some bacteria are
good for you, while others can make you sick. |
Intsholongwane |
Intsholongwane encinci kakhulu engabonakaliyo kwiliso lenyama. Ezinye
iintsholongwane zikulungele, kodwa ezinye ziyagulisa. |
Booster dose |
Booster dose |
An additional dose of a vaccine needed periodically to 'boost' the immune system.
|
Umthamo onyukileyo wesitofu |
Umthamo wesitofu owengezwayo ngamaxa abekiweyo ukuze kuqiniswe amajoni omzimba. |
Breaking News |
Breaking news |
New and important information. |
Iindaba ezinkulu |
Iindaba ezintsha kwaye ezibalulekileyo okodlula ezininzi. |
Chest Pain |
Chest pain |
When you feel pain in your chest or heart area. |
Iintlungu zesifuba |
Xa usiva iintlungu esifubeni kufutshane nentliziyo. |
Clinical trial |
Clinical trial |
A clinical trial tests the effectiveness and safety of medications, vaccines or
medical devices by monitoring their effects on large groups of people. Clinical
trials have many steps, and only the last few involve testing medicines on human
beings. Clinical trial results are checked by independent experts. |
Ukuvavanywa kwezonyango |
Ukuvavanywa kwezonyango kujonga impumelelo nokukhuseleka kwamayeza, izitofu kwakunye
nezixhobo zonyango. Kujongwa ukuba zizakusebenza kangakanani kuninzi lwabantu.
Iziphumo zazo zijongwa zingcaphephe ezizimeleyo. |
Communicable |
Communicable |
a disease that spreads from one person or animal to another. Some bacteria and
viruses can cause communicable diseases. Other diseases – that do not spread from
person to person, like diabetes or hypertension – are called ‘non-communicable’.
|
Isifo esosulelayo ebantwini nasezi lwanyaneni |
Izifo ezinwena ukusuka emntwini ukuya komnye okanye kwisilwanyana ukuya kwesinye.
Ezinye iintsholongwane ziyazenza izifo. Ezinye izifo ezingosuleliyo ezifana
neswekile, noxinzelelo lwegazi zibizwa ngokuba zezingosuleliyo. |
Comorbidity |
Pre-existing disease |
Pre-existing diseases are conditions that a person has before getting another
disease . In the context of COVID-19 it refers to existing chronic diseases – like
cardiovascular diseases, diabetes or hypertension, to name a few – that could put
people at a higher risk of developing complications if they are infected with the
Corona virus. |
Izifo ebezihleli zikhona |
Izifo umntu ebehleli enazo phambi kokuba afumane isifo esitsha. Xa sithetha kumxholo
weCovid 19, sithetha ngezifo ezinganyangekiyo - ezifana nesifo sentliziyo, iswekile,
uxinzelelo lwegazi ukubala nje ezimbalwa - ungaba semngciphekweni ophezulu, ube
neengxaki mhla wasuleleka yintsholongwane ye-Covid 19. |
Congregate settings |
Gatherings |
When many people come together at the same place and at the same time. E.g.:
parties, marches, schools, prisons, churches etc. |
Iindibano |
Isigqubu sabantu abaninzi abadibene ndawonye ngaxeshanye. Izinto ezifana
neminyhadala, ukuqhanqalaza niliqela, ezikolweni, etrongweni, ezinkonzweni..njalo
njalo. |
Conspiracy Theory |
Fake news story |
Fake news stories are created to combined some facts and incorrect information to
create a story that will convince people that what is told to them by people in
authority like governments, healthcare workers and scientists is not true and will
hurt them. |
Iindaba zobuxoki |
Iindaba zobuxoki kuxa kudityaniswa iinkcukacha eziyinyani nezo ezingeyiyo ukubumba
ibali elizaku kholisa abantu ukuba lento bayixelelwa ngurhulumente, abezempilo
neenzululwazi ayiyonyani kwaye izakubenzakalisa. |
Contract |
Become infected |
To catch or develop a disease – you can become infected Covid-19, for example, by
breathing in the droplets of someone who is infected with the virus. |
Ukufumana isifo |
Ukosuleleka nokufumana isifo - ungosuleleka yiCovid 19, umzekelo, ngokuphefumlela
ngaphakathi amathontsi omnye umntu ogula yi- Covid 19. |
Contra-indications |
Medicines clash |
When a medicine, or medical process should not be used because it may be harmful to
that person because of pre-existing conditions or other medicine they are using.
|
Ukungqubana kwamayeza |
Xa amayeza, okanye inkqubo yokunyangwa kufuneka ingenziwa kuba izakwenzakalisa umntu
ngenxa yemeko yokugula asele enayo okanye amayeza ahleli ewasebenzisa. |
Control group |
Control group |
In any medical experiment or trial, scientists compare what happens when you give an
active medicine like a vaccine to one group to what would happen to a group if no
active medicine or vaccine was given was given to them. The group that did not
receive the active medicine are called the ‘control group’. |
Iqela lolawulo |
Kuvavanyo lwezonyango, iinzululwazi zithelekisa okwenzekayo xa unikezela ngeyeza
elisebenzayo lokugonya kwiqela labantu nokuba kwenzeka ntoni kwelinye iqela labantu
xa bengalifumenanga eliyeza. Iqela elingafumenanga yeza libizwa iqela lolawulo. |
Coping |
Coping |
Being able to get through a difficult experience. |
Ukuchacha |
Ukwazi ikunyamazela ude udlule kwimeko emaxongo. |
Data |
Information |
Facts, evidence and statistics |
Iinkcukacha |
Iinyani, ubungqina kunye nee nkcukacha-manani. |
Depopulation |
Depopulation |
A process of intentionally trying to kills entire populations and communities to
have less people in the world. There is a lot of fake news that tries to convince
people that COVID-19 or vaccines are meant to kill people. |
Ukususwa kwabantu emhlabeni |
Inkqubo yokuzama ukubulala uninzi lwabantu ngamabom. Xa ufuna kubekho inani
eliphantsi labantu ekuhlaleni naselizweni. Zininzi iindaba ezingeyonyani ezizama
ukukhohlisa abantu ukuze bakholelwe ukuba iCovid 19 okanye ukugonywa kwenzelwe
ukubulala abantu. |
Depression |
Depression |
A mental health problem where a person feels very sad, tired, unable to cope and
have no energy for long periods of time. |
Uxinzelelo lwengqondo |
Diabetic |
Diabetic |
A person with high or low insulin levels. |
Iswekile |
Amanqanaba aphantsi okanye aphezulu e-insulin. |
Diagnosis / Diagnose |
Diagnosis/ Diagnose |
To recognise a disease by its signs and symptoms is to diagnose a disease. If you
test positive for Covid-19, you have a positive diagnosis for the virus. |
Ukuxilonga ubone ingxaki |
Ukubona isifo ngeempawu zaso kukuxilonga ubone ingxaki. Ukuba ufunyanwe une Covid
19, kuthetha ukuba uxilongiwe kulontsholongwane. |
DNA |
DNA |
The small chemical that determines how a cell will look and what it will do. |
IDNA |
Amachiza amancinci alawula indela iiseli ezibonakala ngayo kwanento ezizakuyenza.
|
Dose |
Dose |
The amount of a medicine that you are allowed to take at one time |
Umthamo |
Umlinganiselo weyeza okanye ipilisi ovumelekileyo ukuba uwuthathe ngexesha. |
Drug resistance |
Vaccine resistant |
When a virus changes it becomes hard for the vaccines or medicines that are created
to fight it to find it in our bodies. The vaccine will not work if the virus has
changed too much. |
Iyeza elichasayo |
Xa intsholongwane itshintsha kubanzima ukuba isitofu okanye amayeza alungiselelwe
ukuyilwa ukuba ayifumane apha kuthi emizimbeni. Isitofu asisebenzi xa intsholongwane
ijikajike kakhulu. |
Dry Cough |
Dry Cough |
A cough that feels like it is coming more from irritation in your throat. |
Inkohlelo eyomileyo |
Ukukhohlela okuvakala ngathi kusuka kukuhlukumezeka komqala. |
Effective |
Works |
We say a vaccine "works” when it helps the body fight against a virus or bacteria.
|
Iyasebenza |
Sithi isitofu sokugonya "siyasebenza" xa sinceda umzimba ukulwa iintsholongwane.
|
Efficacy |
Efficacy |
This tells us how well a vaccine works. The “efficacy” of a vaccine is its ability
to prevent illness and create immunity against a virus or bacteria. |
Ukusebenza ngempumelelo |
Oku kusixelelwa izinga lokusebenza kwesitfu. Ukusebenza ngempumelelo kwesitofu
kubonakala xa inqanda ukugula, yakhe ukhuseleko kwi ntsholongwane. |
Evidence |
Proven facts |
Facts or information which tell you whether an idea or belief is true. |
Ubungqina obuqinisekileyo |
Ubungqina nee nkcukacha kusixelela ukuba imbono okanye inkolelo iyinyani na. |
Experiment |
Experiment |
An operation or procedure carried out by scientists under controlled conditions in
order to discover or investigate something unknown; to test or establish a
hypothesis. |
Uvavanyo |
Inkqubo eyenziwa zizazinzulu kwimeko ezilawulwayo ukuze kufunyanwe okanye kuphandwe
into engaziwayo. |
Exposed/exposure |
Exposed |
When you have been in contact with a person that has a virus like COVID-19. |
Uvelile |
Xa ubukhe wahlangana nomntu one ntsholongwane efana ne Covid 19. |
Flattening the curve |
Flattening the curve |
Slowing down the spread of COVID-19 so that there are not too many people sick at
the same time and hospitals are not too busy to help everyone. |
Ukuhlisa izinga lokunwenwa kwe ntsholongwane |
Ukuhlisa izinga lokwesulelana nge Covid 19 ukwenzela ukuba abantu abaninzi bangaguli
ngexesha elinye bagcwalise iizibhedlele zingakwazi ukunceda wonke umntu. |
headache |
Headache |
Pain in your head |
Intloko ebuhlungu |
Intlungu entloko. |
High fever |
High fever |
When your temperature is above 37 degrees, usually leads to sweating. |
Umkhuhlane ophezulu |
Xa iqondo lobushushu lingaphezulu kuka 37, into eyenza ukuba ubile kakhulu. |
Hotline |
Hotline |
A phone services that provides specific information. |
Umnxeba woncedo |
Umnxeba onceda ukukhupha ulwazi oluthe vetshe olukhethekileyo. |
hypertension |
Hypertension |
High blood pressure. |
Uxinzelelo lwegazi |
Uxinzelelo lwegazi. |
hypotension |
Hypotension |
Low blood pressure. |
Ipresha yegazi ephantsi |
Ipresha yegazi esezingeni eliphantsi. |
Immune response |
Immune response |
The way you body fights against bacteria, viruses, and substances that appear
foreign and harmful. |
Impendulo yomzimba yokuzikhusela |
Indlela umzimba wakho olwa ngayo intsholongwane nezinyo izihlaseli-mzimba
ezibonakala zinobungozi. |
Immune system |
Immune system |
All the parts of your body that fights against virus and germ. The immune system
keeps a record of every germ/bacteria/virus it has ever defeated so it can recognise
and destroy it quickly if it enters the body again. We say the immune system has a
memory. |
Amajoni akhusela umzimba |
Onke amalungu omzimba wakho alwa iintsholongwane. Amajoni omzimba agcina ulwazi
lwentsholongwane zonke awakhe azoyisa ukwenzela ukuba xa ziphinda zibuya, akwazi
ukuzibona msinyane azihlasele. Amajoni akhusela umzimba anenkumbulo. |
Immunisation |
Immunisation |
Is the process where a person's body is given a vaccine that helps it fight a new
virus like COVID-19. |
Ugonywa |
Kuxa umzimba unikwa isitofu sokugonya esincedisa umzimba ukulwa iintsholongwane
ezifana ne Covid 19. |
Immunity |
Immunity |
When your immune system has a memory of a virus and sends the correct antibodies to
fight the virus. This memory can be created by a vaccine. |
Ukhuseleko |
Xa amajoni akho omzimba enenkumbulo yentsholongwane aze athumele i-antibodies
ezikulengeleyo ukulwa nentsholongwane leyo. Le nkumbulo ingenziwa ngesitofu. |
Immuno- compromised |
Immuno-compromised |
Having a weak ability for your body to fight a disease because of pre-exiting
diseases. |
Ukungakhuseleki komzimba |
Xa umzimba ungakwazi ukulwa izifo neentsholongwane ngenxa yokuba uhleli ugula
unkenenkene. |
Incubate |
Incubate |
Before you get symptoms of a particular illness, the bacteria or virus that causes
disease is spreading slowly in your body to make you feel sick. |
Ukufukama |
Phambi kokuba ufumane iimpawu zesigulo esithile, intsholongwane eyenza isifo
iyanwena kancinci emzimbeni wakho ikwenze ugule. |
Infectious |
Infectious |
Contagious/catchy – capable of making an infection. |
Iyosulela |
Iyosulela, iyafumaneka lula. |
Inoculation |
Inoculation |
Another word for vaccination or immunisation – the process where you become immune
to an infectious disease. |
Xa sele utofiwe |
Elinye igama lesitofu - inkqubo apho ungosuleleki lula zizifo ezinwenwayo. |
Interaction |
How medicines mix |
Some medicines have effects on each other, or may make it difficult or easier for
other medicines to work. This can cause side effects or can make a medicine work
better. Always tell a doctor what medicine you are using when they need to give you
more medicine. |
Ukuxutywa kwamayeza |
Amanye amayeza ayangquzulana, okanye enze kube lula okanye kubenzima ukusebenzisana.
Lo nto ingenza kubekho iziganeko zabucala okanye iyeza lisebenze ngcono. Xelela
ugqirha wakho ngamaxesha onke xa usele unamayeza owatyayo xa kufuneka bekunike
amanye. |
Jab |
Jab |
A word that describes getting a vaccine dose. |
Ukugonywa |
Igama elichaza ukufamana isitofu. |
Laboratory |
undefined |
A place equipped for experimental study in a science or for testing and analysis a
research. |
Ilebhu |
Apho kuvavanywa khona isayensi nophando lwamayeza. |
Lockdown |
Lockdown |
A government regulation to limits people's movements and makes certain health
behaviours compulsory. |
Ukuvalelwa |
Isimiso sikwa rhulumente sokungavumeli ukuba abantu bazulazele ngaphandle kwabo
banemvume. Oku kuhamba nokunyanzeleka ukuba abantu balendele imigaqo siseko
yezempilo oko bakhuseleke, bakhusele nabanye. |
Mandatory |
Compulsory |
Required by a law or rule: obligatory/compulsory. |
Inyanzelekile |
Iyanyanzeliswa ngumthetho okanye zimeko. |
Microscopic |
Very small |
Something so small that you cannot see it with the naked eye – something you can
only see through a microscope. Bacteria and viruses are microscopic, for example.
|
Incinci kakhulu |
Into encinci kakhulu engenokuyibona ngeliso lenyama - ibonakala nge microscope
kuphela. Iintsholongwane zizo ezithanda ukuba ncinci oluhlobo. |
Mimic |
Copy |
To copy / look-like / imitate something. |
Ukulinganisa |
Ukulinganisa/Ukufanisa |
mRNA |
mRNA |
Messenger-RNA are small chemicals that send messages to your cells to tell them
about how a new virus that has not attacked the body yet will look. It is used in
vaccines to create immune system memory. |
Umyalezo we RNA |
Umyalezo-RNA yimichiza ethumela imiyalezo kwiiseli zizixelela ngentsholongwane
entsha engekawuhlaseli umzimba kodwa eqwalaselweyo. Isetyenziswa kwizitofu ukwenza
ukhuselo lwesikhumbuzo samajoni omzimba. |
Mucus |
Mucus |
A slime found in the body. |
Umfinya |
Umfinya ofumaneka emzimbeni. |
Myths |
Myths |
A widely held but false belief or idea. There are many myths – otherwise known as
fake news or fictions – about Covid-19 and vaccines. |
Amanpunge/iintsomi |
Iingcamango nenkolelo esasazwayo engenabunyani. Zininzi ke iintsomi - ezaziwa
njengamampunge - ngeCovid 19 nezitofu. |
Non-pharmaceutical interventions |
health behaviours |
Things that every person can do to prevent a disease that does not involve taking
medicine. |
Indlela yokuzikhusela |
Izinto umntu anokuzenza ukuzikhusela ukuba angafumani izifo ezingadibenanga nokutya
amayeza. |
Nurse |
Nurse |
A health worker that is the first and most regular person to give you care at a
medical facility. |
Umongikazi |
Umsebenzi wezempilo wokuqala, oqhelekileyo onikeza inkathalo kwindawo yonyango. |
Nursing |
Nursing |
A job where people care for the medical needs of people in clinics and hospitals.
|
Ukonga |
Umsebenzi apho abantu bekhathalela izidingo zabantu zempilo kwi klinikhi
nakwizibhedlele. |
Open spaces |
Open spaces |
Places that are outdoors and have a lot of fresh air |
Iindawo ezivulekileyo |
Iindawo ezingaphandle ezinomoya osulungekileyo. |
Pandemic |
Pandemic |
A pandemic is an when a disease spreads across a large region, for instance multiple
continents or worldwide, affecting a large number of people. |
Isifo selizwe jikelele |
Isifo esikho kuzwe lonke, umzekelo kumazwekazi okanye kumhlaba wonke, sichaphazela
uluntu oluninzi kakhulu. |
PCR test |
Covid test |
A test that uses a sample from the back of your nose and mouth to know if there is
COVID-19 virus in your body. The test can be done in a clinic, hospital, laboratory
or even in your car. |
Uvavanyo lwe Covid |
Uvavanyo lwe Covid 19 olusebenzisa isampulu esuka emva empumlweni, nasemlonyeni
ukwazi ukuba ikhona na iCovid emzimbeni. Oluvavanyo lungenziwa eklinikhi,
esibhedlele, elebhu kanti nasemotweni yakho. |
o |
Peer review |
Independently tested |
The process where scientists who were not involved with the trial – or who are
independent experts – check test results for a scientific study is called peer
review. This is a way of making sure that the results of an experiment/trial/study
are accurate. |
Uvavanyo oluzimeleyo |
Inkqubo apho izazinzulu bezingekho ngethuba kuzanywa -okanye inzululwazi ezizimeleyo
- zijonga iziphumo zovavanyo kufundo lwenzululwazi lubizwa uPhononongo loNtanga. Le
yindlela yokuqinisekisa ukuba iziphumo zophando nokuba lunjani, zichanekile. |
Placebo |
Placebo |
Substance or treatment that has no effect on human beings. |
iPlacebo |
Unyango olungadlali ndima ebantwini. |
Population immunity |
Population immunity |
Also known as herd immunity’, population immunity is when at least 70% of a
community have antibodies that help them fight a new virus like COVID-19. This can
happen through many people being infected with the virus or through many people
getting a vaccine. |
Ukhuseleko lwabantu abaninzi |
Yaziwa njengo Khuseleko lwabantu abaninzi, xa noko uninzi oluyi-70% lunamajoni
akhuselayo, ancedisa ukulwa intsholongwane entsha efana neCovid 19. Oku kungenzeka
xa abantu abaninzi beselelekile yintsholongwane okanye xa abantu abaninzi begonyiwe.
|
PPE |
PPE |
Personal protective equipment (PPE), is equipment worn to minimize exposure to
hazards that cause injuries and illnesses. Masks are part of PPE. |
Izixhobo zokhuseleko ezinxitywa ukukhuseleka |
Izixhobo zokhuseleko ezinxitywa ngumntu wonke ukunciphisa ithuba lokosulelwa
yintsholongwane, okwenzakala, kwakunye nokugula. Izifonyo ziyingxenye yezizixhobo.
|
Public health |
Public Health |
Public health is the process of protecting and improving the health of people and
their communities. |
Ezempilo zoluntu lonke |
Impilo kawonke wonke yiyo indlela yokukhusela nokuphucula impilo yabantu kunye
nasekuhlaleni. |
Public spaces |
Public spaces |
Any public place where people who are not from home can gather. |
Iindawo zika wonke wonke |
Iindawo zika wonke wonke apho abantu badibana khona, ngaphandle kwekhaya. |
Quarantine |
Quarantine |
When a person who is or could be infected with a virus needs to stop being with
other people so that they do not spread the virus. |
Uvalelo bucala lokhuseleko |
Xa umntu onentsholongwane okanye ozakubanayo kufuneka ayeke ukuhlala nabantu
ukwenzela ukuba inganweni. |
Register |
Register |
The process using your phone or computer to give your details so that you can get
the vaccine. |
Ukubhalisa |
Inkqubo yokusebenzisa unomyayi okanye ikhompyutha ukunikezela ngeenkcukacha zakho
ukwenzela ukuba ufumane isitofu samahla. |
Replicate |
undefined |
When a virus is spreading in your body, it is making more copies of the virus. |
Uphinda-phindo |
Xa intsholongwane isasazeka emzimbeni wakho, yenza iikopi ezininzi zentsholongwane.
|
Review |
Review |
The process of checking if a vaccine is safe before it gets approved by government.
Evidence from more than one phase of a clinical trial can be reviewed at the same
time while the experiment continues. |
Uphononongo |
Xa kujongwa ukuba isitofu sikhuselekile na ukufakwa emizimbeni phambi kokuba
sivunywe ngurhulumente. Ubungqina obusuka kwinkqubo eziliqela bungaphononongwa
ngexesha nye kusenziwa ulingo. |
Saline |
Salt water |
A solution of salt in water. |
Amanzi anetyuwa |
Isisombululo setyiwa emanzini. |
Sanitize |
Sanitise |
To clean you hands with an alcohol based substance. |
Ukuzicoca |
Ukuhlamba izandla ngomxube odibene notywala. |
SARS COV-2 |
COVID-19 |
Covid-19, also known as the Corona Virus or SARS-CoV-2, is a mild to severe illness
attacks parts of the body that help people breath. It spreads through droplets in
the air or from touching people or thing that have the droplets that have the virus
in it. |
Intsholongwane ye-Covid 19 |
Isakwaziwa njenge CoronaVirus okanye is SARS CoV-2, sisigulo esingenabuzaza
esihlasela amalungu omzimba encedisa abantu ekuphefumleni. Inwena ngamathontshi
asemoyeni xa ubambe abantu, okanye lento inethontshi lentsholongwane. |
Screening |
Screening |
Screening is questions asked to determine a person’s risk of infection for a
particular disease. |
Ukuhlola |
Ukuhlola yimibuzo ebuzwa ukubona ukuba umntu usemngciphekweni wokosuleleka sisifo
esithile. |
Self-Isolation |
Self-isolation |
Is a way to keep yourself from possibly infecting others if you think you might be
infected. It involves limiting contact with public places, relatives, friends,
colleagues, and public transport. |
Ukuzihlalela bucala |
Yindlela yokuziphephisa ebantwini ukuze angabosuleli ukuba ucinga ukuba ufumene
intsholongwane. Yenziwa ngokuhlalela kude nabantu neendawo zika wonke wonke ezifana
nosapho, iitshomi, abo usebenza nabo kunye nezithuthi zika wonke wonke. |
Social distancing |
Social distancing |
The practice of maintaining a greater than usual physical distance (such as 1.5
meters or more) from other people. |
Ukuba kude nabantu |
Ukuqinisekisa ukuba isiqu sakhe sikude ngaphezu kwe 1.5 yemitha ebantwini. |
Soreness |
Soreness |
Pain in your muscles and joints. |
Ukuqaqamba |
Iintlungu kwizihlunu nokudibanisa. |
Spike Protein |
Spike protein |
The COVID-19 virus looks like it was many small stick on it. These sticks have bad
protein that help COVID-19 to enter the body and attach to parts of the body that
have good protein that it starts to attack. |
Amaqhuma aphuma kwi ntsholongwane ye-Covid |
Intsholongwane ibonakala inamaqhuma athe nca kuyo. Ane proteni embi encedisa iCovid
19 ekungeneni emzimbeni izincamathisele emalungwini omzimba ane proteni elungileyo,
ize ihlasele. |
Susceptible |
Vulnerable |
When a person can get sick quickly or because of pre-exiting diseases could get very
sick. |
Ukuba sesichengeni |
Xa umntu onekugula msinyane okanye ngenxa yezigulo asele enazo agule kakhulu. |
Symptoms |
Symptoms |
Physical or mental signs of an illness. The most common symptoms of COVID-19 are
fever, dry cough, and tiredness. Other symptoms that are less common and may affect
some patients include loss of taste or smell, aches and pains, headache, sore
throat, nasal congestion, red eyes, diarrhoea, or a skin rash. |
Iimpawu |
Iimpawu zokugula ngomzimba okanye ngokwe ngqondo. Ezona mpawu zixhaphakileyo ze
Covid 19 ngumkhuhlane, inkohlonkohlo eyomileyo, nokuba dinwa kakhulu. Ezinye iimpawu
ezingaxhaphakanga ezifunyanwa zizigulane ziquka ukulahlekelwa kukungcamla
nokunukisa, iintlungu zezihlunu, umqala obuhlungu, iimpumlo ezivalekileyo, amehlo
abomvu, ukurhuda kunye ne rhatshalala. |
Technology |
Technology |
New tools or processes. |
Ezobugcisa |
Izixhobo ezintsha okanye iinkqubo ezintsha. |
Tight Chest |
Tight Chest |
When a person's chest hurts and they feel like breathing is difficult. |
Isifuba esiqinileyo |
Xa isifuba somntu sibuhlungu kwaye kunzima ukuziphefumlela. |
Tiredness |
Tiredness |
Feeling tire more than usual |
Ukudinwa okungamandla |
Ukudinwa okungaphaya kokuqonda nokuqheleka. |
Transmission |
Transmission |
Is the passing/spreading of a disease from an infected individual or group to a
previously uninfected individual or group. |
Ukuhambisa |
Ukudlulisa isifo kumntu onaso okanye iqela labantu siye kumntu okanye iqela
ebelingenaso. |
Transmit |
Pass on |
Cause (something) to pass on from one person or place to another. E.g.: COVID-19.
|
Ukudlulisela |
Ukudlulisela into (umzekelo, iCovid 19) ebantweni nasezindaweni. |
Trial |
Test |
A test or experiment, usually conducted under specific condition. |
Ukuvavanya |
Uvavanyo okanye ulingo, oluvame ukwenziwa phantsi kweemeko ezikhethekileyo. |
Vaccine |
Vaccine |
A medicine that is injected into the body to help the body learn how to fight a new
virus. It helps the immune system build memory so if the virus enters the body, the
body is ready to fight. |
Isitofu |
Iyenza elifakwa emzimbeni ukuncedisa umzimba ekulweni intsholongwane entsha.
Lincedisa amajoni omzimba ukwakha inkumbulo yenqondo ukwenzela ukuba mhla
intsholongwane yaphanda yangena emzimbeni, umzimba ukulungele ukulwa. |
Vaccine hesitancy |
Vaccine hesitancy |
When people delay taking the vaccine because they do not know if it works or are
afraid of the side-effects. |
Ukuthandabuza ukugonywa |
Xa abantu belibazisa ukugonywa kuba bengayazi ukuba kuyasebenza na okanye besoyika
iziganeko zabucala emva kokugonywa. |
Variant |
Variant |
A form or version of something that differs in some respect from other forms of the
same thing; a new or mutated version of a virus. A variant of Covid-19 that has been
identified in South Africa is called 501Y.V2 |
Ukuba nomehluko |
Intlobo yento eyohlukileyo kwezinye intlobo zento enye; intlobo yentsholongwane
entsha okanye eguqukileyo. Umahluko we-Covid 19 obhaqiweyo eMzantsi Afrika ubizwa in
501Y.V2. |
Ventilation |
Ventilation |
The provision of fresh air to a room, building or building. A space with good
airflow is well ventilated. |
Umoya osulungekileyo ohambayo |
Ukhukhutshwa komoya osulungekileyo egumbini okanye esakhiweni ukuze ugqibe indawo
yonke ukhuselo abo bangaphakathi xa ifestile zingavulwa. |
Viral vector vaccine |
Viral vector vaccine |
A weak and changed form of a virus is used in a vaccine to go into our bodies tell
the body how the real virus looks and what it does. This helps the body fight when
the virus attack the body. |
Inguqu ebuthathaka yentsholongwane ephilayo |
Inguqu ebuthathaka yentsholongwane ephilayo yiyo esetyenziswa kwisitofu esingena
emizimbeni yethu ixelele umzimba ukuba intsholongwane yamanyan injani kwaye yenza
njani. Lo nto incedisa umzimba ukulwa xa intsholongwane ifikile izokuhlasela
umzimba. |
Virus |
Virus |
A virus is an infectious organism of small size and simple composition that can
multiply only in living cells of animals, humans, plants, or bacteria. |
Intsholongwane |
Intsholongwane yinto eyosulelayo encinci kwaye engenabu newu-newu. Iyaziphinda
phinda kwiseli eziphilayo kwizilwanyana, ebantwini nakwi zityalo. |
Virus Mutations |
Virus changes |
Changes to the structure of a virus which can changes to how it affects the body.
All viruses change over time, either because of changes to the environment or
because when the virus is spreading there may be mistakes or changes how it copies
itself. |
Utshintsho lwentsholongwane |
Utshintsho kulwakhiwo lwentsholongwanwe olutshintsha indlela umzimba ochaphazeleka
ngayo. Zonke iintsholongwane ziyajoka emva kwexesha, ngokwenziwa lutshintsho
kwindawo eyingqongileyo, okanye xa intsholongwane inwena kungabakho iimpazamo okanye
ukulinganisa kungafani. |
Vulnerable |
Vulnerable |
A person in need of special care, support, or protection because of age, disability,
or risk of abuse or neglect. |
Emngciphekweni |
Umntu odinga uncedo lwezempilo, inxaso, ukhuseleko ngenxa yeminyaka, ukukhubazeka
okanye ukuhlukunyezwa okanye ukungakhathalelwa. |
Wave |
Wave |
A wave happens when the number of people infected by COVID-19 increases very fast
and the number of people in hospitals of dying is very high. |
Ukunyuka kwezinga lentsholongwane |
Xa izinga lokwesulelana ngentsholongwane lisenzeka ngokukhawulezileyo, nabantu
abaninzi abasezibhedlele besweleka ngendlela ekhawulezayo. |